Umxholo: Amaxesha onyaka: Ekwindla
Ibali leBhayibhile: UYesu wafela izono zethu
Xabiso: Uxolelo
UYesu wafela izono zethu
Ibhayibhile isifundisa ukuba uYesu unguNyana kaThixo, oweza kusihlangula ezonweni zethu, kuba esithanda kakhulu. Kodwa xa uYesu wayelapha emhlabeni, iinkokeli zamaYuda azizange zimthande. Babefuna ukumsusa, kuba babengakuthandi oko wayekuthetha.
Kwaye icebo labo lasebenza. Nangona uYesu engazange enze nto imbi, amajoni ambamba. Baxhoma uYesu emnqamlezweni womthi baza bambethelela izikhonkwane ezandleni nasezinyaweni zakhe. Ngelixa uYesu wayesemnqamlezweni, amajoni neenkokeli zamaJuda zahlekisa ngaye. Bathi ukuba ngokwenene wayenguNyana kaThixo, wayefanele ukuba nako ukuzisindisa. Babengaqondi ukuba ukufa kwakhe kwakuyinxalenye yecebo likaThixo lokusihlangula esonweni sethu.
Kodwa nangona uYesu wayephathwa kakubi ngolo hlobo, wabathandazela abo babemenzakalisa, esithi, “Bawo, baxolele. Abayazi into abayenzayo.”
Kwangaxeshanye, kwabethelelwa noYesu eminqamlezweni izihange ezibini. Omnye wabo wahlekisa ngoYesu. Kodwa enye indoda yakholwa kuYesu yaza yazisola ngayo yonke into eyayiyenzile. Ngaphambi kokuba uYesu afe, wathi kumntu wesibini: “Namhlanje uya kuba nam ezulwini.” Wamxolela. Yaye ekubeni uYesu esixolela, nathi sinako ukubaxolela abanye!
(Luka 23:26-43)
- Ukuvulwa
Ngaba ukhe wenzela omnye umntu into entle?
Mhlawumbi uye wagona umhlobo?
Okanye wabelane ngento ethile nomntakwenu okanye udadewenu?
Namhlanje siza kuva ngendlela uYesu awasenzela ngayo into emangalisayo! UYesu wasithabatha isohlwayo sezono zethu, ukuze nathi sixolelwe. Masifunde ibali.
- Ukufunyanwa
Ngaba uyalikhumbula ibali olive izolo?
Ewe, sathetha ngendlela uThixo awalenza ngayo icebo lokuba sixolelwe! Masifunde ibali kwakhona.
Yeyiphi indawo oyithandayo kweli bali?
Yeyiphi into ekumangalise yona kweli bali?
- Balisa kwakhona
Ungandixelela ukuba kwenzeke ntoni kwibali lethu izolo? (Buza imibuzo ekhokelayo kwaye ukhokele umntwana usebenzisa umfanekiso kunye nebali).
Amajoni ayemenzakalisa ngokwenene uYesu. Bambeka phi ukuba afele?
UYesu wayithembisa ntoni indoda eyayisemnqamlezweni eyayizisola?
Ayimangalisi na into yokuba njengokuba le ndoda yaxolelwayo, mna nawe singaxolelwa!
- Ixabiso
Kule veki besithetha ngendlela uYesu awafela ngayo emnqamlezweni ukuze sixolelwe. Indoda eyayisecaleni koYesu yakholwa kuye yaza yacela uxolo ngezono zayo.
UYesu wayithembisa ntoni le ndoda?
Uthembisa ntoni uYesu mna nawe ukuba siyakholwa kuye?
Ekubeni uYesu esixolela, ucinga ukuba sifanele sibaxolele abanye abantu?
- Umsebenzi
Ngenxa yokuba uYesu esixolela, sinako ukubaxolela abo basingqongileyo. Akusoloko kulula, kodwa sinokuzama.
Zeziphi ezinye zezinto esinokuzixolela abahlobo bethu?
Namhlanje, sonke siza kuzoba umnqamlezo ukuya ekhaya ukuze usikhumbuze eli bali malunga nendlela uYesu awafela ngayo emnqamlezweni ukuze sixolelwe izono zethu.
(Thabatha iinkuni ezimbini uncede abantwana bazibophe ngomtya okanye ngesello tape ukwenza umnqamlezo. Ungasebenzisa naziphi na iintonga onokuzifumana).